Kutheni ikhampasi isisixhobo esibalulekileyo, yaye inokufaniswa njani nesazela? UMATILOSHE ubhexesha inqanawa yakhe etyhubela amaza esithabathaba solwandlekazi; umhambi ubetha ngezikaTshiwo enqumla intlango; umqhubi wenqwelo-moya uyayiqhuba njengoko indanda ngaphezu kweengqimba zamafu azalise isibhakabhaka. Ngaba uyayazi into abafana ngayo aba bantu? Ngamnye kubo, ngandlel’ ithile, unokuba kwenkulu inkathazo ngaphandle kwekhampasi—ngokukodwa ukuba akanabo obunye ubugcisa bale mihla.

Jan 09, 2013  Kak YA Nauchilas Hudet. Minus 25 Kg Na Vsyu Zhizn! (Russian Edition) (Russian) Paperback – January 9, 2013. By Yu Sergienko (Author) Be the first to review this item. See all formats and editions Hide other formats and editions. Price New from. About Us In 1969 Albrecht Matuschka became the Managing Director of Model Portfolio, the nucleus of the Matuschka Group. The Matuschka Group launched its business with the opening of the first office in Munich (Germany) in 1970.

2 Ikhampasi sisixhobo esingenabugocigoci buninzi, ngokuqhelekileyo iba nobuso obufana nobewotshi kunye nosiba olwalatha emntla. Xa isebenza kakuhle, yaye ngokukodwa xa isetyenziswa nemaphu echanileyo, inokubusindisa ubomi babantu. Ngandlel’ ithile, inokufaniswa nesipho esixabisekileyo esisiphiwe nguYehova—isazela.

Chastushek

() Ngaphandle kwezazela besiya kulahleka singazazi nokuba siphi na. Isazela sinokusinceda sifumane indlela size sihlale kuyo, ukuba phofu sisisebenzisa kakuhle.

Ngoko makhe sisichaze into esiyiyo isazela nendlela esisebenza ngayo. Siza kuxubusha ezi ngongoma: (1) Indlela esinokuqeqeshwa ngayo isazela, (2) isizathu sokuba sifanele sizicingele izazela zabanye abantu, kunye (3) nendlela ukuba nesazela esicocekileyo okunokusiphathela iintsikelelo ngayo.

Lithetha ukuthini igama lesiGrike eliguqulelwe ngokuthi “isazela,” kwaye lichaza waphi amandla akhethekileyo abanawo abantu? 3 EBhayibhileni, igama lesiGrike eliguqulelwe ngokuthi “isazela” lithetha “ukuzazi, okanye ukwazi isiqu sakho.” Thina bantu sahlukile kuzo zonke izidalwa ezisemhlabeni, kuba siphiwe nguThixo amandla okuzazi. Siyakwazi ukuthi, ngokungathi kunjalo, sime phaya ecaleni size sizijonge, sikhangele enoba sigqibelele okanye akunjalo kusini na. Izazela zethu zinjengengqina okanye ijaji ehlola izenzo, izimo zengqondo nokhetho esilwenzayo. Sinokusiqhubela ekubeni senze isigqibo esifanelekileyo okanye sisilumkise ekwenzeni isigqibo esiphosakeleyo.

Emva koko, sinokusithuthuzela xa siye sakhetha ukwenza okulungileyo okanye sisixhele ngaphakathi xa siye sakhetha ukwenza into engentle. (a) Sazi njani ukuba uAdam noEva babenezazela, yaye kwenzeka ntoni bakungaphulaphuli umthetho kaThixo? (b) Yiyiphi imizekelo ebonisa ukusebenza kwezazela kumadoda athembekileyo awayephila ngaphambi kwexesha lamaKristu? 4 La mandla anikwa abantu kwasekudalweni kwabo.

UAdam noEva babonakala ukuba babenazo izazela. Loo nto siyibona kwindlela ababa manyonywana ngayo emva kokuba bonile. Kadhal tamil movie download. () Okulusizi kukuba, ukuxhelwa kwabo zizazela kwakufana nokukhalel’ ubisi oluchithekileyo. Babeye bawaphula ngabom umthetho kaThixo.

Ngenxa yoko, babesenza into abayaziyo xa babekhetha ukuvukela nokuchasa uYehova uThixo. Ekubeni babefezekile, kwakungekho kubuya mva. 5 Abantu abaninzi abangafezekanga baye baziphulaphula izazela zabo, abafana noAdam noEva. Ngokomzekelo, indoda eyayithembekile, uYobhi, yakwazi ukuthetha la mazwi: “Ndibambelele kokusesikweni kwam, yaye andiyi kukuyeka; intliziyo yam ayiyi kundingcikiva yonke imihla yam.” () Ngokwenene uYobhi wayeyindoda enesazela. Wayesiphulaphula isazela sakhe, esivumela ukuba simkhokele xa esenza izinto naxa esenza izigqibo.

Ngenxa yoko, wayenokutsho umlomo ugcwale athi isazela sakhe asimgwebi, asimenzi azive eneentloni okanye enetyala. Makhe sithelekise uYobhi noDavide.

Xa uDavide wadelela uSawule, ukumkani owayethanjiswe nguYehova, “kwathi emva koko intliziyo kaDavide yaba buhlungu.” () Ngokuqinisekileyo ukuxhelwa kukaDavide sisazela kwamnceda, kwamfundisa ukuba angaphinde adelele abantu kwakhona. Yintoni ebonisa ukuba isazela sisipho esiphiwe bonke abantu? 6 Ngaba esi siphiwo sesazela sinikwa abakhonzi bakaYehova kuphela? Khawufunde la mazwi aphefumlelweyo kampostile uPawulos athi: “Xa sukuba abantu beentlanga abangenawo umthetho besenza ngemvelo izinto zomthetho, aba bantu, nangona bengenawo umthetho, bangumthetho kubo ngokwabo. Bona babonakalisa ukuba umthetho ubhalwe ezintliziyweni zabo, nesazela sabo siyakungqina oko, yaye iingcamango zabo ziyabamangalela okanye zibangxengxezele.” () Kwanabo bangazi nowathwethwa ngemithetho kaYehova maxa wambi basenokuqhutywa leli ngqina lingaphakathi kubo ukuba benze izinto ngokwemigaqo kaThixo. Kutheni izazela zisenokuphazama?

7 Kodwa ke, kwezinye iimeko isazela sikhe siphazame. Kaloku, xa ubeka ikhampasi ecaleni kwentsimbi, usiba lwayo luyajika lwalathe loo ntsimbi kunokuba lwalathe emntla. Kwaye xa umntu oyisebenzisayo enemaphu engachananga, uyaziduba ngokufane ayiphathe. Ngendlela efanayo ke, xa izazela zethu zindlandlathekiswa yiminqweno yentliziyo yokufuna ukuzibeka phambili, zinokusilahlekisa. Yaye ukuba asisetyenziswa ngolwalathiso oluqinisekileyo lweLizwi likaThixo, sisenokungakwazi ukubona into elungileyo nengalunganga kwimiba ebalulekileyo.